Ucinga ngokufunda?
Ndifuna ukwenza isicelo
Ndingumfundi kungokunje
Ingaba ucinga ngokufunda?
Ndifuna ukwenza isicelo
Ndingumfundi kungokunje
Ikhampasi yethu ayigqwesanga nje ngobuhle kuphela, koko ukufunda kwisebe lethu kungakukhokelela kumathuba omsebenzi ahluka-hlukeneyo amaninzi nanenzuzo, futhi abafundi bethu abanezidanga babangwa phantse kuwo onke amacandelo ezoqoqosho. Isebe lethu liphumelele iimbasa ezininzi zamazwe ngamazwe kwaye livelise iinjineli ezidume ehlabathini.
Ingqwalaselo kubunzululwazi benqanaba eliphezulu bekhompyutha nakwiisistim zesoftwe. Eli setyana kwakhona liya kukunika isiseko esiluqilima kwiikhompyutha nakwiidatha.
Apha ungafunda konke malunga neemoto zombane, ukuphehlwa kwamandla ombane, amandla ahlaziywa ngokutsha, ulawulo lwamandla kwakunye nolawulo lwamandla alawulwa ngekhompyutha.
Apha kulapho oomekhanikhi badibana khona nee-elekthroniki – enye yeefildi ezenza imincili kakhulu! Iquka ukuyilwa kweenqwelo zeerobhothi, iinqwelo-mafutha ezizihambelayo kwakunye neesathelayithi.
Lingaba yintoni ihlabathi ngaphandle koqhagamshelwano? Eli setyana ligxila kwizixhobo zefrikhwensi ephezulu kunye nosasazo lwedatha
Umsebenzi wezabasele benezidanga kwiSebe ungowona msebenzi mhkulu wophando kwezobuNjineli eMzantsi Afrika kwaye unika abafundi ufikelelo kwiiLebhoretri nezibonelelo eziphucikleyo kakhulu. Siyabamkela abafundi abanokuba ngabasele benezidanga abasuka ehlabathini jikelele. Kukho amacandelo aphambili ezophando ngaphakathi kwesebe kwaye nophando lwenziwa ngentsebenziswano esondeleleneyo namashishini asekuhlaleni kwakunye nabalingane bamazwe ngamazwe.
Yila iisistim zokusasazwa kombane, oomatshini bombane abakhulu, kwakunye neziguquli zombane ezinamandla aphezulu. Fumanisa ukuba ingaba aphehlwa njani na amandla ombane kwizixhobo ezihlaziywa ngokutsha kwaye kuyilwa neenqwelo ezihamba ngamandla ebhetri.
Zibandakanye neziyilo zombane zemayikhroweyivu, uyilo lweanthena nelungu lwemayikhroweyivu, oozibuthe bombane bezibalo, i-superconducting nee-ultra-high speed kunye neesekethi ezihlangeneyo.
Funda ngokuba ziyilwa kwaye zakhiwa njani na iisistim zamanani kwakunye neekhompyutha ezincinci zokulawula phantse nasiphi na isixhobo, ukususela kwiisistim zokunkcenkceshela ngokuzenzekelayo ukuya kwiinqwelo-ntake eziziqhubayo kunye neesathelayithi ezijolise iikhamera zazo emhlabeni.
IMiqondiso iquka intetho, amaza erediyo kwakuye nemifanekiso kamabona-kude – kwaye afumaneka kuyo yonke indawo! Funda ngendlela yokuziphatha kwemiqondiso nokusetyenziswa kweekhompyuta ukuyenza. Kwakhona uya kufunda ngokuba zakhiwa njani izincendisi zemathematika ekuqondeni ezi zinto.
Hiring
November 7, 2018 – November 9, 2018
November 21, 2018 – November 24, 2018